6 Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.
7 Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndíye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?
8 Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.
9 Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.
10 Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses,* yathi, Ndamrhola emanzini.
11 Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.
12 Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.