5 UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.
6 UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini* kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.
7 UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.
8 Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.
9 Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.
10 Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.
11 Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.