6 Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.
7 Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.
8 Wathi yena, Nkosi, Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa?
9 Wathi kuye, Ndíthabathele ithokazi eliminyaka mithathu, nemazi yebhokhwe eminyaka mithathu, nenkunzi yemvu eminyaka mithathu, nehobe, negobo levukuthu.
10 Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda.
11 Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.
12 Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabona efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.