20 Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,
21 ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.
22 Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.
23 Wasondela uAbraham, wathi, Ungáde ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?
24 Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungáde uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?
25 Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?
26 Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo.