8 Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.
9 Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango.
10 Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango.
11 Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.
12 Athi amadoda lawo kuLote, Ùsenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;
13 ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba síkhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise.
14 Waphuma uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Ùsuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.