3 Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;
4 ndiyàndise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi;
5 ngenxa enokuba uAbraham waliphulaphulayo izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam.
6 Wahlala uIsake eGerare.
7 Abuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe. Wathi, Ngudade wethu; kuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; hleze ambulale amadoda ale ndawo ngenxa kaRebheka, ngokuba ebemhle imbonakalo.
8 Kwathi, akubon' ukuba ulibele umzuzu khona, wondela uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, ngefestile; wakhangela, nanko, uIsake edlala noRebheka umkakhe.
9 UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi, Yabona, inene ngumkakho lo; ungáthini na ukuthi, Ngudade wethu? Wathi uIsake kuye, Bendisithi, hleze ndife ngenxa yakhe.