13 Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele.
14 Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise.
15 URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo, ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.
16 Izìntsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe;
17 wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile.
18 Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam?
19 Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenzé njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.