33 UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wósikeleleka ke.
34 Ákuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndísikelele nam, bawo.
35 Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho.
36 Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi* na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?
37 Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibaniké yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?
38 Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndísikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.
39 Waphendula uIsake uyise, wathi kuye,Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba,Lee nombethe wezulu ovela phezulu.