35 Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho.
36 Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi* na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?
37 Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibaniké yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?
38 Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndísikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.
39 Waphendula uIsake uyise, wathi kuye,Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba,Lee nombethe wezulu ovela phezulu.
40 Ùya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho;Kuthi wakudlokova,Uyàphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.
41 UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.