43 Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran;
44 uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho,
45 ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumèle ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?
46 Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?