14 imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.
15 Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kuló mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, ndide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.
16 Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.
17 Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.
18 Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo.
19 Wathi igama laloo ndawo yiBheteli,* nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.
20 Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla,