12 UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka.
13 Wagidima yena waxelela uyise. Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke.
14 Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.
15 Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza ngelizé? Ndixelele umvuzo wakho.
16 Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli.
17 Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo.
18 UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli, intombi yakho enci.