19 Wathi uLabhan, Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.
20 UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli; yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe.
21 Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene.
22 Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.
23 Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena.
24 Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
25 Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonzé ngenxa kaRakeli na? Yini na ukuba undikhohlise?