1 Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa.
2 Wavutha umsindo kaYakobi ngakuRakeli, wathi, Ndisesikhundleni sikaThixo na, okuvimbileyo isiqhamo sesizalo?
3 Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo.
4 Wamnika ke uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumfazi; uYakobi wamngena.
5 Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana.
6 Wathi uRakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.*