35 Wazikhetha ngaloo mhla iinkunzi zeebhokhwe ezinemizila, nezirhwexu, nazo zonke iimazi zeebhokwe ezinakazi, nezirhwexukazi, zonke ezinobumhlophe, nazo zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, wazinikela esandleni soonyana bakhe.
36 Wamisa uhambo lweemini ezintathu phakathi kwabo noYakobi; uYakobi walusa eseleyo ke impahla emfutshane kaLabhan.
37 Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari* omhlophe ezimanzi, nezom-amangile,* nezompleyini,* wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo.
38 Wazimisa iintonga abezichubile emijelweni, emikhumbini yamanzi, apho impahla emfutshane ibiza kusela khona, phambi kwempahla emfutshane, ukuba iphathane xa iza kusela.
39 Yaphathana ke impahla emfutshane phambi kweentonga ezo, yazala impahla emfutshane enemizila, nerhwexu, nenala.
40 Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan.
41 Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga.