40 Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan.
41 Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga.
42 Xa ityhafileyo impahla emfutshane, akazibekanga; yathi ke etyhafileyo yaba yekaLabhan, eyomeleleyo yaba yekaYakobi.
43 Yanda indoda leyo kakhulu kunene, yaba nempahla emfutshane eninzi, nabakhonzazana, nabakhonzi, neenkamela, namaesile.