8 Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.*
9 Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi.
10 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana.
11 Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.*
12 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
13 Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.*
14 Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.