9 Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi.
10 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana.
11 Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.*
12 UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
13 Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.*
14 Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.
15 Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo.