15 neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mané, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.
16 Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa.Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.
17 Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakúbuza ngokuthi, Ùngokabani na? Ùya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho? wòthi,
18 Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.
19 Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nòthetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.
20 Kananajalo nòthi, Nanko umkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibùbone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.
21 Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.