18 Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.
19 Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nòthetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.
20 Kananajalo nòthi, Nanko umkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibùbone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.
21 Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.
22 Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzazana bakhe bobabini, noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko leYabhoki.
23 Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.
24 UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.