31 Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:
32 uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.
33 Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe.
34 Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe.
35 Wafa uHusham, wathi uHadadi, unyana kaBhedadi, owawatshabalalisayo amaMidiyan emhlabeni wamaMowabhi, walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiAviti.
36 Wafa uHadadi, wathi uSamla waseMasereka walawula esikhundleni sakhe.
37 Wafa uSamla, wathi uSawule, waseRehobhoti yoMlambo,* walawula esikhundleni sakhe.