8 UYuda wathi kuOnan, Yiya kumfazi womkhuluwa wakho, umngene, umvelisele imbewu umkhuluwa wakho.
9 Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni, ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.
10 Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.
11 Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.
12 Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda. Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.
13 Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.
14 Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, àkasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.