6 Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakho?
7 Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibúthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, sílawule.
8 Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.
9 Wathi uYehova kuKayin, Úphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na?
10 Wathi, Wenzé ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.
11 Ngoko ùqalekisiwe emhlabeni, owakhamisé umlomo wawo ukuba ùlithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.
12 Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; ùya kubhadula uphalaphale ehlabathini.