28 Athi, Usaphilile ubawo umkhonzi wakho, usadla ubomi. Bathoba baqubuda.
29 Wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uBhenjamin umninawa wakhe, umntwana kanina, wathi, Nguye na lo umninawa wenu omncinane, enibe nithetha ngaye kum? Wathi, Ngamana uThixo wakubabala, nyana wam.
30 Wakhawuleza uYosefu; kuba wasikwa yimfesane ngenxa yomninawa wakhe, wafuna indawo angalilela kuyo, wangena engontsini, walila khona.
31 Waza wahlamba ubuso bakhe, waphuma ezibambile, wathi, Bekani isonka.
32 Bambekela yedwa, bababekela bodwa bona, bawabekela odwa amaYiputa abesidla naye; kuba amaYiputa akanakudla sonka namaHebhere; kuba lisikizi elo kumaYiputa.
33 Bahlala phantsi phambi kwakhe, owamazibulo ngokobuzibulo bakhe, omncinane ngokobuncinane bakhe. Amadoda akhangelana ethe manga.
34 Asèlwa izabelo ezisuka phambi kwakhe; ke isabelo sikaBhenjamin saba sikhulu kahlanu kwizabelo zabo bonke bephela. Basela, baba mnandi benaye.