26 Iyoke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu.
27 Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe.
28 Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.
29 UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe.
30 Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba ùsahleli, mandife ngoku.
31 Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;
32 kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, azé nazo.