25 NgoThixo wooyihlo — akuncede,NgoSomandla — akusikelele,Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu,Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi,Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
26 Iintsikelelo zikayihloZizigqithile iintsikelelo zomawokhulu,Zasa nasemdeni weentaba zanini;Mazibe sentloko kuYosefu,Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!
27 UBhenjamin yingcuka eqwengayo;Kusasa úya kudla okuphangiweyo,Ngokuhlwa úya kwaba okuthinjiweyo.
28 Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.
29 Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,
30 emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.
31 Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.