20 Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamibini; wafa ke.
21 UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.
22 UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.
23 Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.
24 UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.
25 UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.
26 UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana neentombi.