19 Wathi uYosefu kubo, Musani ukoyika; ndisesikhundleni sikaThixo yini na?
20 Nina nacinga ububi ngam; ke yena uThixo wacinga okulungileyo, ukuze kuthi, njengoko kwenzekileyo namhla, kusinde abantu abaninzi.
21 Ngoko musani ukoyika; ndonondla nina, nentsapho yenu. Wabathuthuzela ke, wathetha kakuhle nabo.
22 UYosefu wena eYiputa, yena nendlu kayise. UYosefu wahlala iminyaka elikhulu elinashumi-nye.
23 UYosefu wabona oonyana besesithathu isizukulwana sikaEfrayim, kwanoonyana bakaMakire, unyana kaManase, ababezalelwe emadolweni kaYosefu.
24 Wathi uYosefu kubakhuluwa bakhe, Ndiza kufa; uThixo okunene uya kunivelela, aninyuse, niphume kweli lizwe, niye ezweni abelifungele uAbraham, noIsake, noYakobi.
25 UYosefu wabafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo okunene eya kunivelela nje, nòwanyusa amathambo am, emke apha.