1 Ke ubani xa athe wona ngokuthi, elivile izwi lesifungo sokuzishwabulela, elingqina ke, nokuba ubonile, nokuba uyazi, angàxeli: wobuthwala ubugwenxa bakhe.
2 Ubani osukuba echukumisa into yonke eyinqambi, nokuba sisidumbu sezinto eziphilileyo eziziinqambi, nokuba sisidumbu sezinto ezizitho ziné eziziinqambi, nokuba sisidumbu sesinambuzane esiyinqambi, engakwazi oko: uyinqambi, uzeké ityala.
3 Xa athe wachukumisa ubunqambi bomntu, ubunqambi bakhe bonke ayinqambi ngabo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeké ityala.
4 Xa ke ubani athe wafunga, waphololoza ngomlomo wakhe, esithi, uya kwenza into, nokuba imbi, nokuba ilungile, ezintweni zonke athe waziphololoza umntu ngesifungo, engakwazi oko, waza wabuya wakwazi oko: uzeké ityala nangayiphi kwezo nto.
5 Kothi ke, xa athe wazeka ityala nangayiphi kwezo nto, ayivume into oné ngayo;
6 alizise idini letyala lakhe kuYehova, ngenxa yesono sakhe oné ngaso, azise ithokazi lasempahleni emfutshane, imvanazana nokuba litakanekazi lebhokhwe exhonti, libe lidini lesono, aze umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe.
7 Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuyifumana into elingana netakane, wózisa kuYehova idini letyala lakhe oné ngalo, amahobe abe mabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo.