1 Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.
2 Makandange ngokwanga komlomo wakhe;Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.
3 Amafutha akho anevumba elimnandi;Liyioli ethululwayo igama lakho;Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.
4 Nditsale, sogidima emva kwakho;Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe,Sogcoba, sivuye ngawe.Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini;Zikuthanda zinyanisile.
5 Ndimnyama, ndinomkhitha noko,Zintombi zaseYerusalem,Njengeentente zakwaKedare,Njengamalengalenga kaSolomon.