2 Makandange ngokwanga komlomo wakhe;Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.
3 Amafutha akho anevumba elimnandi;Liyioli ethululwayo igama lakho;Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.
4 Nditsale, sogidima emva kwakho;Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe,Sogcoba, sivuye ngawe.Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini;Zikuthanda zinyanisile.
5 Ndimnyama, ndinomkhitha noko,Zintombi zaseYerusalem,Njengeentente zakwaKedare,Njengamalengalenga kaSolomon.
6 Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama,Ngakuba nditshe lilanga.Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo,Bandenza umlindi wezidiliya;Ke esisesam isidiliya andisilindanga.
7 Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam,Walúsela phi na? Ùyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu?Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyoNgasemihlambini yamakholwane akho?
8 Ukuba àkwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi,Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi,Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.