1 Ke kaloku, ngomnyaka wamashumi omathathu, ngenyanga yesiné, ngolwesihlanu usuku enyangeni leyo, ndakubon' ukuba ndiphakathi kwabathinjiweyo ngasemlanjeni oyiKebhare, avuleka amazulu, ndabona imibono kaThixo.
2 Ngolwesihlanu enyangeni leyo (ingumnyaka ke wesihlanu wokuthinjwa kokumkani uYehoyakin lowo),
3 kwafika ilizwi likaYehova kuHezekile unyana kaBhuzi, umbingeleli, ezweni lamaKaledi, ngasemlanjeni oyiKebhare; saba phezu kwakhe apho isandla sikaYehova.
4 Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi.