11 ubuso bazo namaphiko azo abe ahlukene ngaphezulu; iyileyo inamabini ehlangene nawaleyo, namaphiko amabine ke egubungele imizimba yazo.
12 Zahamba ke, iyileyo yaya kwicala elikhangelene nobuso bayo; apho sukuba ubusiya khona umoya, zaya khona; azajika ekuhambeni kwazo.
13 Imfano yezinto eziphilileyo ezo, imbonakalo yazo, ibingathi ngamalahle omlilo abasiweyo; ibingathi yimbonakalo yezikhuni ezitshangazayo; wona wahambahamba phakathi kwezinto eziphilileyo ezo; umhlophe ke umlilo lowo, emlilweni kuphuma imibane.
14 Izinto eziphilileyo bezigidima zibuye, ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane.
15 Ndazibona izinto eziphilileyo; nanko ke, kukho iivili emhlabeni, ecaleni kwezinto eziphilileyo, zinganye iivili kubuso ngobuso bazo obuné.
16 Ukubonakala kweevili nokusetyenzwa kwazo kwakunjengembonakalo yekrizolite,* zimfaninye zoné; ukubonakala kwazo nokusetyenzwa kwazo kungathi ivili ingaphakathi kwevili.
17 Ekuhambeni kwazo zaphambela kumacala azo omané; azajika ekuhambeni kwazo.