11 Ekuhambeni kwazo zahamba zaya kumacala azo omané; àzajikeleza ekuhambeni kwazo; ngokuba apho sukuba leyo iphambili ibe ibheka khona, zibe ziyilandela, zingajikelezi ekuhambeni kwazo.
12 Ke umzimba wazo wonke, nomhlana wazo, nezandla zazo, namaphiko azo, neevili, zibe zizele ngamehlo ngeenxa zonke; zoné bezineevili zazo.
13 Iivili ezo zabizwa ezindlebeni zam, kwathiwa, ziivili ezijikelezayo.
14 Inye ibe inobuso obuné: ubuso bokuqala ibubuso bekerubhi, ubuso besibini ibubuso bomntu, obesithathu ibubuso bengonyama, obesiné ibubuso bokhozi.
15 Zenyuka iikerubhi; yilaa nto iphilileyo, ndayibonayo emlanjeni oyiKebhare.
16 Ekuhambeni kweekerubhi zahamba iivili ecaleni lazo; nasekuwaphakamiseni kweekerubhi amaphiko azo, ukuba zisuke emhlabeni, azijikanga neevili zazo zimke ecaleni lazo.
17 Ekumeni kwazo zema nazo; ekusukeni kwazo ukuba ziphaphazele, zesuka nazo; ngokuba umoya wento ephilileyo ube ukho kuzo.