2 Wathi kum, Nyana womntu, ngawo la amadoda acinga inkohlakalo, aceba amacebo amabi kulo mzi;
3 atshoyo ukuthi, Alikasondeli ixesha lokwakha izindlu; lo mzi yimbiza, thina ke siyinyama.
4 Ngako oko profetela kuwo, profeta, nyana womntu.
5 Wandiwela ke uMoya kaYehova, wathi kum, Yithi, Utsho uYehova ukuthi, Nitshilo nina, ndlu kaSirayeli; nezinto ezithe qatha emoyeni wenu ndiyazazi mna.
6 Ndibandisile ababuleweyo benu kulo mzi, nazizalisa izitrato zawo ngababuleweyo.
7 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ababuleweyo benu, ebe nibabeka phantsi phakathi kwawo umzi, bayinyama, wona ke uyimbiza; nina niya kukhutshwa phakathi kwawo.
8 Niyaloyika ikrele; ndiya kunizisela ikrele, itsho iNkosi;