22 Iikerubhi* zawaphakamisa amaphiko azo, kwaneevili ezingakuzo; ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baba phezu kwazo ngaphezulu.
23 Benyuka ubuqaqawuli bukaYehova, besuka phakathi komzi, bema entabeni engasempumalanga kuwo umzi.
24 UMoya wandifunqula, wandisa kwelamaKaledi kubathinjwa, ndisembonweni ngoMoya kaThixo. Wenyuka wemka kum umbono ebendiwubona.
25 Ndathetha kubathinjwa onke amazwi kaYehova, abendibonisile.