8 Niyaloyika ikrele; ndiya kunizisela ikrele, itsho iNkosi;
9 ndínikhuphe phakathi kwawo, ndininikele esandleni sabasemzini, ndizenze izigwebo kuni.
10 Niya kuwa likrele; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndinguYehova.
11 Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,
12 názi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am ànawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.
13 Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Ùyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?
14 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,