18 ekho phakathi kwalo loo madoda omathathu: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, ebengàyi kuhlangula nyana nantombi; ngokuba ebeya kuhlanguleka wona odwa.
19 Nokuba ndithe ndathumela indiyikitya yokufa kwelo zwe, ndathulula ubushushu bam phezu kwalo ngegazi, ukuze ndinqumle kulo umntu nenkomo;
20 bekho phakathi kwalo ooNowa noDaniyeli noYobhi: ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova bebengàyi kuhlangula nyana nantombi; bona bebeya kuhlangula owabo umphefumlo kuphela ngobabo ubulungisa.
21 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Kobeka phi na ke, xa ndithe ndathumela eYerusalem zoziné izigwebo zam ezibi, ikrele, nendlala, namarhamncwa, nendyikitya yokufa, ukuze kunqumke kuyo umntu nenkomo?
22 Yabonani ke, kuya kusala kuyo abasindileyo, ábaya kukhutshwa, abangoonyana neentombi; yabonani, baya kuphuma beze kuni, niyibone indlela yabo neentlondi zabo; nithuthuzeleke ngenxa yobubi endayizisela bona iYerusalem, ngenxa yento yonke endayizisela yona.
23 Baya kunithuthuzela, xa niyibonayo indlela yabo neentlondi zabo; názi ukuba andifumananga ndikwènze konke endakwenzayo kuyo; itsho iNkosi uYehova.