3 Itsho iNkosi uYehova kwiYerusalem, ukuthi, Ukuvela kwakho nokuzalwa kwakho kokwasezweni lamaKanan; uyihlo waye engumAmori, unyoko waye engumHetikazi.
4 Ukuzalwa kwakho ke, ngemini yokuzalwa kwakho ayinqunyulwanga imfesane yakho, akuhlanjwanga ngamanzi ukuba usuleke, akuhlikihlwanga ngatyuwa, akusongelwanga zisongelweni.
5 Akubangakho liso linenceba kuwe, ukuze wenzelwe noko inye kwezo zinto, ngokuba nofefe kuwe; walahlelwa endle ngokucatshukelwa kwakho ngemini yokuzalwa kwakho.
6 Ndagqitha kuwe, ndakubona ugqushagqusha egazini lakhe, ndathi kuwe, Usegazini lakho njalo, phila; usegazini lakho njalo, phila!
7 Ndakwenza waba yinyambalala, njengokuntshula kwentsimi; wanda, wakhula, wafika entlahleni yezidlele; waphuma amabele, bahluma uboya bakho; waye ke wena uzé kanye.
8 Ke kaloku ndagqitha kuwe, ndakubona, nalo ixesha lakho lilixesha lothando. Ndatwabulula isondo lengubo yam phezu kwakho, ndabugubungela ubuzé bakho; ndakufungela, ndanqophisana nawe, itsho iNkosi uYehova; waba ngowam ke.
9 Ke ndakuhlamba ngamanzi, ndakuhlambulula amagazi akho, ndakuthambisa ngeoli.