25 Nam ndabamisela imimiselo engabalungeleyo, namasiko abangenakuphila ngawo.
26 Ndabenza iinqambi ngezipho zabo, ekucandiseni kwabo emlilweni yonke into evula isizalo, ukuze ndibaphanzise; ukuze bazi ukuba ndinguYehova.
27 Ngako oko, thetha kwindlu kaSirayeli, nyana womntu, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ooyihlo babuye bandinyelisa nangale nto, ekumenezeni kwabo ababemeneza ngako kum.
28 Kuba xenikweni ndabasayo ezweni endasiphakamiselayo isandla sam sokuba ndibanike lona, basuka bakhangela zonke iinduli ezinde, nemithi yonke ethe shinyi; bayibingelela khona imibingelelo yabo, banikela khona imisondezo yabo equmbisayo, babeka khona ivumba lamadini abo elithozamisayo, bathululela khona iminikelo yabo ethululwayo.
29 Ndathi ke kubo, Esi sigánga niya kuso siyintoni na? Igama laso ke kuthiwa, siSigánga, unanamhla.
30 Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nizenzé iinqambi ngendlela yooyihlo, nihenyuze ngokulandela izinto zabo ezinezothe nje;
31 nizenzé iinqambi ezigodweni zenu ngokunikela izipho zenu, nangokuba candisa emlilweni oonyana benu nanamhlanje; mna ndingábuzwa níni na, ndlu kaSirayeli? Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, andiyi kubuzwa níni, nakanye.