34 Ùya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova.
35 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ùndilibele, wandiphosa emva komhlana wakho, ùya kuwathwala nokuwathwala amanyala akho nokuhenyuza kwakho.
36 Wathi uYehova kum, Nyana womntu, uza kubagweba na ooNtente-yakhe noNtente-yam-kuye? Báxelele ke amasikizi abo.
37 Ngokuba bakrexezile, izandla zabo zinegazi; bakrexezene nezigodo zabo; kananjalo oonyana babo, ababazalela mna, babacandisele kuzo, ukuba batshiswe ngumlilo.
38 Babuyé benza noku kum: bayenzé inqambi ingcwele yam kwangayo loo mini, bazihlambela iisabatha zam;
39 bakùzisikela izigodo zabo oonyana babo, bángena ke engcweleni yam kwangayo loo mini, ukuze bayihlambele; yabona benjenjalo endlwini yam phakathi.
40 Phezu koko bathuméle kumadoda avela kude, kwathunyelwa kuwo umthunywa; yabona, afika; wona lawo wàzihlambayo umzimba ngenxa yawo, waziqaba amehlo ngomsizi, wavathela wona izivatho zakho;