14 Mna Yehova ndithethile; iyéza le nto, ndiya kuyenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuzohlwaya. Baya kukugweba ngokweendlela zakho nangokweentlondi zakho; itsho iNkosi uYehova.
15 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
16 Nyana womntu, yabona, ndithabatha kuwe intánda yamehlo akho ngesibetho; uze ungambambazeli, ungalili; makungaphumi zinyembezi kuwe.
17 Gcuma uthe cwaka; uze ungenzi sijwili ngabafileyo. Jikela unkontsho lwakho, unxibe iimbadada zakho ezinyaweni zakho, ungazigqubutheli iindevu zakho eziphezu komlomo, ungasidli isonka sabantu.
18 Ndathetha ke nabantu kusasa; ngokuhlwa wafa umkam; ndenza ke ngengomso njengoko wayendiwisele umthetho ngako.
19 Bathi abantu kum, Akusixeleli na, ukuba ezi zinto zithini na kuthi, ukuba wenjenje?
20 Ndathi kubo, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,