17 Gcuma uthe cwaka; uze ungenzi sijwili ngabafileyo. Jikela unkontsho lwakho, unxibe iimbadada zakho ezinyaweni zakho, ungazigqubutheli iindevu zakho eziphezu komlomo, ungasidli isonka sabantu.
18 Ndathetha ke nabantu kusasa; ngokuhlwa wafa umkam; ndenza ke ngengomso njengoko wayendiwisele umthetho ngako.
19 Bathi abantu kum, Akusixeleli na, ukuba ezi zinto zithini na kuthi, ukuba wenjenje?
20 Ndathi kubo, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
21 Yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyingcolisa ingcwele yam, iqhayiya lamandla enu, intánda yamehlo enu, isizondelelo somphefumlo wenu, bawe likrele oonyana benu neentombi zenu enibashiyileyo.
22 Niya kwenza ke njengoko ndenzé ngako: iindevu eziphezu komlomo aniyi kuzigqubuthela, ningasidli isonka sabantu;
23 iinkontsho zenu ziya kuba sentloko kuni, neembadada zenu zibe sezinyaweni zenu; aniyi kumbambazela, nilile; ke niya kungcungcutheka ebugwenxeni benu, nigcume, omnye ekhangele komnye.