3 Uze uyizekelisele ngomzekeliso indlu eneenkani, uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Beka imbiza eziko, yibeke, kananjalo ugalele amanzi kuyo.
4 Hlanganisela kuyo iinyama zayo; zonke iinyama ezilungileyo, umlenze negxalaba; yizalise ngamathambo akhethiweyo.
5 Thabatha ezikhethiweyo zempahla emfutshane, kananjalo amathambo uwafumbele iinkuni ngaphantsi kwayo. Yibilise kakuhle; kananjalo amathambo ayo makaphekwe phakathi kwayo.
6 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Mbizandini inomhlwa, emhlwa ungasukiyo! Yirhole inyama ngeenyama zayo; aliphumi nayo iqashiso.
7 Ngokuba igazi lawo liphakathi kwawo; úlibeké engxondorheni ebalelelwe lilanga; awuliphalazanga emhlabeni, ukuba liselelwe luthuli.
8 Ukuze kunyuke ubushushu, ukuze iphindezelwe impindezelo, igazi lawo ndilibeké engxondorheni ebalelelwe lilanga, ukuze lingaselelwa.
9 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha, mzindini unamagazi! Nam ndiya kuyenza ibe nkulu imfumba yeenkuni.