2 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho koonyana baka-Amon, uprofete ngabo,
3 uthi koonyana baka-Amon, Liveni ilizwi leNkosi uYehova. Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba usithi kwingcwele yam, Tshotsho! ngokuba ihlanjelwe; nakumhlaba wakwaSirayeli, Tshotsho! ngokuba wenziwe kwaba senkangala; nakwindlu yakwaYuda, Tshotsho! ngokuba bathinjiwe:
4 ngako oko, yabona, ndikunikela koonyana basempumalanga, ukuba bamele kuwe, bamise iingqili zabo kuwe, benze neendawo zokuhlala kwabo kuwe. Bona baya kudla iziqhamo zakho, basele amasi akho.
5 Ndiya kuyenza iRabha ibe likriwa leenkamela, eloonyana baka-Amon ndilenze libe yindawo yokubutha kwemihlambi; názi ukuba ndinguYehova.
6 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ubethe esandleni sakho, wangqisha ngonyawo, wawuvuyela umhlaba wakwaSirayeli ngokucekisa komphefumlo:
7 ngako oko, yabona, ndisolula phezu kwakho isandla sam, ndikunikele ezintlangeni, ukuba ube lixhoba, ndikunqumle ezizweni, ndikwenze udake, ungabikho emazweni. Ndiya kukutshabalalisa; wazi ukuba ndinguYehova.
8 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba besithi ooMowabhi, noSehire, Yabonani, injengeentlanga zonke indlu yakwaYuda: