19 Bonke abakwaziyo ezizweni baya kumangaliswa nguwe, usuke ube sisikhwankqiso, ungabuyi ubekho naphakade.
20 Kwafika ilizwi likaThixo kum, lisithi,
21 Nyana womntu, bhekisa ubuso bakho eTsidon, uprofete ngayo.
22 Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuchasile, Tsidon; ndiya kuzizukisa phakathi kwakho; bazi ukuba ndinguYehova, ekwenzeni kwam izigwebo kuyo, ndizingcwàlisele kuyo.
23 Ndiya kuthumela kuyo indyikitya yokufa negazi ezitratweni zayo; bawe abangxwelerhiweyo phakathi kwayo likrele, eliyifikelayo ngeenxa zonke; bazi ukuba ndinguYehova.
24 Akuyi kuba sabakho meva anobuhlungu, naluviko lwenza buhlungu, kwindlu kaSirayeli, luphuma kubo bonke abangeenxa zonke kuyo, abayicukuleyo; bazi ke ukuba ndinguYehova.
25 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekuyibutheni kwam indlu kaSirayeli, ezizweni abaphangalaliswe kuzo, ndiya kuzingcwalisela kubo emehlweni eentlanga, bahlale emhlabeni wabo, endawunika umkhonzi wam uYakobi.