11 Akuyi kucanda lunyawo lwamntu kulo, akuyi kucanda nqina lankomo kulo, lingemiwa, iminyaka engamashumi amané.
12 Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, ibe ngamanxuwa imizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa, iminyaka engamashumi amané; ndiwaphangalàlisele amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.
13 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amané, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;
14 ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.
15 Ezikumkanini aya kuba sesiphantsi, angabi saziphakamisa ngokwawo phezu kweentlanga; ndiwancìphise, ukuze angazinyatheleli phantsi iintlanga.
16 Akayi kuba saba yinkoloseko yendlu kaSirayeli, ekhumbuza ubugwenxa ngokubheka kwayo kuwo; ázi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
17 Kwathi ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe, ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, Nyana womntu,