8 Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndikuzisela ikrele, ndinqumle kuwe umntu nenkomo;
9 ilizwe laseYiputa kube senkangala, libharhe; bazi ukuba ndinguYehova, ngenxa enokuba usithi, Umlambo ngowam, ndizenzele mna.
10 Ngako oko uyabona, ndikuchasile nemijelo yakho; ndiya kulibharhisa ilizwe laseYiputa libharhe, kube senkangala, lithabathele eMigidoli, lise eSevene, lise emdeni wakwaKushi.
11 Akuyi kucanda lunyawo lwamntu kulo, akuyi kucanda nqina lankomo kulo, lingemiwa, iminyaka engamashumi amané.
12 Ndiya kulenza kube senkangala ilizwe laseYiputa phakathi kwamazwe abharhileyo, ibe ngamanxuwa imizi yalo phakathi kwemizi engamanxuwa, iminyaka engamashumi amané; ndiwaphangalàlisele amaYiputa ezintlangeni, ndiwachithachithe emazweni.
13 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekupheleni kweminyaka engamashumi amané, ndiya kuwabutha amaYiputa ezizweni, abephangalaliselwe kuzo;
14 ndibuyise ukuthinjwa kweYiputa, ndiwabuyise elizweni lasePatrosi, ezweni lokuvela kwawo, abe sisikumkani esiphantsi khona.