14 Ndiya kuwalusela ebutyanini obulungileyo, libe sezintabeni ezinde zakwaSirayeli idlelo lawo; edlelweni elilungileyo, úya kubutha khona, udle utyani obutyebileyo ezintabeni zakwaSirayeli.
15 Mna ndiya kuwalúsa umhlambi wam, ndiwenze ubuthe mna; itsho iNkosi uYehova.
16 Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise eziziintsali, ndibophe ezaphukileyo, ndizomeleze ezifayo; ke ezityebileyo ndozitshabalalisa, nezomeleleyo ndizaluse ngokusesikweni.
17 Nina ke, mhlambi wam, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kugweba phakathi kweegusha neegusha, naphakathi kweenkunzi zeegusha neenkunzi zeebhokhwe.
18 Yinto encinane na kuni, ukuthi nibudle utyani obulungileyo, nize okuseleyo kotyani nikunyhashe ngamanqina enu? nisèle amanzi angcwengekileyo, niwagxobhe aseleyo ngamanqina enu?
19 Umhlambi wam udla obunyhashiweyo ngamanqina enu; usela agxojiweyo ngamanqina enu.
20 Ngako oko itsho iNkosi uYehova kuzo ukuthi, Yabonani, mna ndiya kugweba phakathi kweegusha ezityebileyo neegusha ezinqinileyo.