5 Itsho iNkosi uYehova kula mathambo, ukuthi, Niyabona, ndingenisa umoya kuni; niya kuphila ke.
6 Ndiya kunifaka imisipha, ndimilise kuni inyama, ndinaleke ngolùsu, ndifake umoya ngaphakathi kwenu, niphile; názi ukuba ndinguYehova.
7 Ndaprofeta ngoko bendiwiselwe umthetho ngako; kwabakho isandi ndàkuprofeta; nanko kurhashaza, asondelelana amathambo, ithambo lasondela kwithambo lalo.
8 Ndakhangela, nanko kukho imisipha kuwo, yamila inyama, kwaleka ulùsu luthabathela phezulu; umoya ke awabakho.
9 Wathi kum, Profeta kuwo umoya, profeta, nyana womntu, uthi kuwo umoya, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Vela, moya kwimimoya yominé, uphefumlele kwaba babuleweyo, baphile.
10 Ndaprofeta ke ngoko bendiwiselwe umthetho ngako. Wangena umoya kuwo; baphila, bema ngeenyawo, umkhosi omkhulu kakhulu kunene.
11 Wathi ke kum, Nyana womntu, la mathambo yindlu kaSirayeli yonke; yabona, bathi, Amathambo ethu omile, nethemba lethu lidakile, sìnqanyulwe.